Umsebenzi Wabathunywa 8:21-25 Ibhayibhile (XHO96)

21. Akunanxaxheba kulo msebenzi wethu, kuba iingcinga zakho azilunganga phambi koThixo.

22. Guquka kule nkohlakalo yakho, uthandaze ukuba uThixo akuxolele ngale nto inje,

23. kuba ndiyabona ukuba unekratshi elilizothe, waye ulikhoboka lokungcola.”

24. Uthe ke uSimon kooPetros noYohane: “Ndincedeni, zinkosi, nindithandazele eNkosini ukuze zingandihleli zonke ezi zinto nizithethileyo.”

25. Emveni kokuba benike ubungqina beluthetha udaba lweNkosi kwabo bantu, uPetros noYohane bagoduka, baya eJerusalem. Endleleni yabo egodukayo bazishumayela iindaba ezimnandi kwiilali ezininzi zaseSamariya.

Umsebenzi Wabathunywa 8