Umsebenzi Wabathunywa 8:11-13 Ibhayibhile (XHO96)

11. Babemhlonele kuba wayesebamangalise ixesha elide ngemilingo yakhe.

12. Kodwa bathi bakukholwa yintshumayelo kaFilipu yeendaba ezimnandi ezingolawulo lukaThixo oluthwasileyo negama likaYesu Krestu, kwabhaptizwa amadoda kwanamakhosikazi.

13. NoSimon wakholwa, waza akuba ebhaptiziwe akahlukana noFilipu, ekhwankqiswa yimimangaliso nemiqondiso awayeyenza uFilipu.

Umsebenzi Wabathunywa 8