Umsebenzi Wabathunywa 7:58-60 Ibhayibhile (XHO96)

58. Bamkhuphela ngaphandle kwedolophu, bamxuluba ngamatye. Abamangaleli bakaStefano bazigcinisa iimpahla zabo kumfana ogama linguSawule.

59. Bemxuluba njalo ngamatye, uStefano yena wakhala eNkosini esithi: “Nkosi Yesu, wamkele umoya wam!”

60. Waguqa ngamadolo, wadanduluka wathi: “Nkosi, musa ukubabeka tyala ngesi sono!” Akukhov' ukutsho, wafa ke.

Umsebenzi Wabathunywa 7