Umsebenzi Wabathunywa 7:46-50 Ibhayibhile (XHO96)

46. Yena wathandeka kuThixo, waza wacela ukuba uThixo amvumele akhele inzala kaYakobi indlu yokunqula.

47. Kodwa yona indlu leyo yakhiwa nguSolomon.

48. “Phofu yena uThixo uPhezukonke akahlali zindlwini zakhiwe ngabantu; njengoko atshoyo umshumayeli:

49. “ ‘Izulu likomkhulu lam,’ itsho iNkosi:‘Umhlaba wona ngamathânga am.Ndluni eningaze nindakhele yona?Iphi yona indawo endingaphumla kuyo?

50. Ezi zinto azenziwanga ndim zonke na?’

Umsebenzi Wabathunywa 7