Umsebenzi Wabathunywa 7:41-60 Ibhayibhile (XHO96)

41. Kungeli thuba ke apho baziqingqela umfanekiso wethole, baza balenzela umbingelelo, benza netheko lokuzivuyisa ngenxa yaloo nto yayenziwe zizandla zabo.

42. Ngenxa yaloo nto uThixo wabafulathela, wabayeka ukuba banqule iinkwenkwezi zezulu, njengoko kubhaliweyo encwadini *yabashumayeli kwathiwa:“ ‘MaSirayeli, yayingendim enanimxhelela,nimenzela amadini,iminyaka emashumi mane entlango.

43. *Yayisisibingelo *sesithixo *uMoleki enanisiphethe,nomfanekiso wenkwenkwezi yesithixo *uRefani.Zizithixo enazenzayo, khon' ukuze nizinqule.Ngoku ke ndiya kunigxothela ngaphaya kweBhabheli.’

44. “Ookhokho bethu bona babenaso entlango *isibingelelo esingqina ubukho bukaThixo. Sasakhiwe ngokomfanekiselo lowo uThixo wawubonisa uMosis.

45. Emva koko ookhokho bethu abasamkelayo isibingelelo kooyise, bahamba naso, kwada kwaza kuthi gaa ngexesha likaYoshuwa, xeshikweni bawuthathayo umhlaba wezizwe abazigxothelwa nguThixo. Sahlala ke isibingelelo eso kwada kwayimihla kaDavide.

46. Yena wathandeka kuThixo, waza wacela ukuba uThixo amvumele akhele inzala kaYakobi indlu yokunqula.

47. Kodwa yona indlu leyo yakhiwa nguSolomon.

48. “Phofu yena uThixo uPhezukonke akahlali zindlwini zakhiwe ngabantu; njengoko atshoyo umshumayeli:

49. “ ‘Izulu likomkhulu lam,’ itsho iNkosi:‘Umhlaba wona ngamathânga am.Ndluni eningaze nindakhele yona?Iphi yona indawo endingaphumla kuyo?

50. Ezi zinto azenziwanga ndim zonke na?’

51. “Bantundini baneenkani, abantliziyo ziqaqadekileyo, hayi ubuthulu benu emyalelweni kaThixo! Nifuz' ooyihlo! Nani nasoloko nimgiba uMoya oyiNgcwele!

52. Nguwuphi umshumayeli abangamtshutshisanga ooyihlo? Bazibulala izigidimi zikaThixo, ezathi kwangaphambili zakuvakalisa ukuza kwalowo uliLungisa. Kungokunje nimngcatshile namgebenga.

53. Umthetho kaThixo owaziswa zizithunywa zezulu, wamkelwa nini kanye – kodwa anikawuthobeli unangoku!”

54. Athi amalungu *eBhunga akuziva ezi zinto zithethwa nguStefano, acaphuka kangangokuba ade abe ngathi osuka amthi qwenge-qwenge.

55. Kodwa uStefano yena ezele nguMoya oyiNgcwele, wakhangela ezulwini, waza wabubona ubuqaqawuli bukaThixo, noYesu emi ewongeni ngakuThixo.

56. Waqhuba wathi: “Khawukhangele! Amazulu ndiwabona evulekile, *noNyana woLuntu emile ngasekunene kukaThixo!”

57. Kwesi sithuba basuka bazivingca iindlebe zabo, bahlahlamba kwathi nkxwe, baza basuka indulumbane phezu kwakhe.

58. Bamkhuphela ngaphandle kwedolophu, bamxuluba ngamatye. Abamangaleli bakaStefano bazigcinisa iimpahla zabo kumfana ogama linguSawule.

59. Bemxuluba njalo ngamatye, uStefano yena wakhala eNkosini esithi: “Nkosi Yesu, wamkele umoya wam!”

60. Waguqa ngamadolo, wadanduluka wathi: “Nkosi, musa ukubabeka tyala ngesi sono!” Akukhov' ukutsho, wafa ke.

Umsebenzi Wabathunywa 7