Umsebenzi Wabathunywa 6:8-11 Ibhayibhile (XHO96)

8. UStefano, indoda eyayisikelelwe nguThixo, izele ngamandla, wênza imiqondiso nemimangaliso phakathi kwabantu.

9. Aza amadoda athile amchasa. Wona ayedla ngokuhlangana *endlwini yesikhungo ekuthiwa yeyamakhoboka akhululekileyo. AyengamaJuda avela eKirene naseAlesandriya. Wona namaJuda aseKiliki nawaseAsiya axambulisana noStefano.

10. Kodwa uMoya wamnika ubulumko uStefano, ngokokude bangabi nako ukuphikisana naye.

11. Baza ke bafunza amadoda athile, khon' ukuze athi: “Thina simve ethetha kakubi ngoMosis nangoThixo.”

Umsebenzi Wabathunywa 6