Umsebenzi Wabathunywa 6:11-15 Ibhayibhile (XHO96)

11. Baza ke bafunza amadoda athile, khon' ukuze athi: “Thina simve ethetha kakubi ngoMosis nangoThixo.”

12. Ngale ndlela bamenza wavukelwa ngabantu, nangabadala, nangabachazi-mthetho. Bamqubula uStefano, bamthatha bamsa entlanganisweni *yeBhunga.

13. Bezisa namanye amadoda athetha ubuxoki ngaye, athi: “Le ndoda isoloko ithetha ngokuchaseneyo *nendlu kaThixo *nangomthetho kaMosis.

14. Kuba samva esithi lo Yesu waseNazarete uya kuyitshabalalisa indlu kaThixo, awatshintshe namasiko esawafumana kuMosis.”

15. Bonke abo babehleli entlanganisweni bamthi ntsho ngamehlo uStefano, baza babubona ubuso bakhe bunjengobesithunywa sezulu.

Umsebenzi Wabathunywa 6