Umsebenzi Wabathunywa 6:10-14 Ibhayibhile (XHO96)

10. Kodwa uMoya wamnika ubulumko uStefano, ngokokude bangabi nako ukuphikisana naye.

11. Baza ke bafunza amadoda athile, khon' ukuze athi: “Thina simve ethetha kakubi ngoMosis nangoThixo.”

12. Ngale ndlela bamenza wavukelwa ngabantu, nangabadala, nangabachazi-mthetho. Bamqubula uStefano, bamthatha bamsa entlanganisweni *yeBhunga.

13. Bezisa namanye amadoda athetha ubuxoki ngaye, athi: “Le ndoda isoloko ithetha ngokuchaseneyo *nendlu kaThixo *nangomthetho kaMosis.

14. Kuba samva esithi lo Yesu waseNazarete uya kuyitshabalalisa indlu kaThixo, awatshintshe namasiko esawafumana kuMosis.”

Umsebenzi Wabathunywa 6