1. Kwathi kwakubon' ukuba liyanda inani labalandeli bakaYesu, kwavela ukungevisisani phakathi kwamaJuda athetha isiGrike kwanamaJuda athetha olweenkobe. AmaJuda athetha isiGrike akhalazela ukuba abahlolokazi bawo àbamkeliswa kakuhle kwimali yenkxaso yemihla ngemihla.
2. *Abathunywa abalishumi elinambini balihlanganisa ibandla lilonke, bathi kulo: “Asinto intle kuthi ukuba sikuyekelele ukushumayela ilizwi likaThixo ngenxa yokuzixakekisa ngomsebenzi wokwabela abasweleyo.
3. Ngoko ke, mawethu, khethani amadoda abe sixhenxe phakathi kwenu, awaziwa ngokuzaliswa nguMoya oyiNgcwele nangobulumko; thina ke siwamisele kulo msebenzi.
4. Ngalinye ke, thina siya kuzinikela ngokupheleleyo kumsebenzi wokushumayela nasemithandazweni.”