Umsebenzi Wabathunywa 5:10-25 Ibhayibhile (XHO96)

10. Ngoko nangoko uSafira wawa ezinyaweni zakhe, wafa. Bangena abafana, bambona ukuba ufile, bamthatha baya kumngcwaba ecaleni komyeni wakhe.

11. Xa lilonke ibandla nabo bonke abayivayo le nto bazaliswa kukunkwantya.

12. *Abathunywa benza imiqondiso nemimangaliso emininzi ebantwini. Bonke abakholwayo babehlangana eVarandeni kaSolomon.

13. Abangakholwayo babengazibandakanyi nabo, nakuba kwakuthethwa kakuhle ngabo.

14. Kuyo yonke loo nto kwabakho ihlokondiba lamadoda namakhosikazi azinikelayo eNkosini, laza longezeka inani labo.

15. Baza abagulayo basiwa ezitalatweni, balaliswa ezibhedini nasemakhukweni, ukuze kuthi xa agqithayo uPetros isithunzi sakhe siwe phezu kwabanye.

16. Izihlwele zabantu zazisiza, zivela kwiidolophu ezimelene neJerusalem, zizisa abagulayo nâbo babeneendimoni, baze baphile bonke.

17. Umbingeleli omkhulu nabalingane bakhe, abo beqela *labaSadusi, babamonela *abathunywa,

18. baza bababamba babafaka entolongweni.

19. Kwangobo busuku isithunywa seNkosi sawavula amasango entolongo, sabakhokelela phandle abathunywa, sathi kubo:

20. “Hambani niye *endlwini kaThixo, nibafundise yonke into abantu ngale ntlalo intsha.”

21. Bevile ke abathunywa, bathi kwasekuseni bangena endlwini kaThixo, bafundisa.Umbingeleli omkhulu nabalingane bakhe nabo bonke abadala bamaJuda, babiza intlanganiso epheleleyo *yeBhunga, baza bathumela entolongweni ukuba abathunywa beziswe phambi kwabo.

22. Zifikile izigidimi azibafumananga abathunywa entolongweni; zabuya ke zeza kuxela entlanganisweni, zathi:

23. “Intolongo siyifumene ivalwe ngokuqinileyo, nabalindi bewagcinile amasango, kodwa sakuwavula amasango, asifumananga mntu ngaphakathi.”

24. Kwathi intloko yabalindi bendlu kaThixo nababingeleli abaziintloko bakuyiva le nto, baxakwa ukuba ngaba kuhle ntoni na kubathunywa.

25. Kwafika ndoda ithile eyathi kubo: “Khangelani, amadoda ebeniwafake entolongweni nangaya efundisa abantu endlwini kaThixo!”

Umsebenzi Wabathunywa 5