1. Ke kaloku kwakukho nendoda egama linguHananiya, umfazi wayo yena enguSafira. Bathengisa umhlaba wabo,
2. baza inxalenye yemali leyo bayifumeneyo bayigcina, eseleyo ke bayizisa *kubathunywa.
3. UPetros wabuza wathi: âHananiya, kutheni ukuba umyeke uSathana alawule intliziyo yakho, akwenze uxokise uMoya oyiNgcwele ngokugcina inxalenye yemali oyifumeneyo ngomhlaba wakho?