Umsebenzi Wabathunywa 4:5-8 Ibhayibhile (XHO96)

5. Ngomhla olandelayo iinkokheli zamaJuda, nabadala, nabachazi-mthetho, bahlangana eJerusalem.

6. YayingooAnas umbingeleli omkhulu, noKayafa, noYohane, noAlesandire, kwanabanye bendlu yombingeleli omkhulu, ababelapho.

7. Babamisa phambi kwabo abathunywa, bababuza bathi: “Niyenze kanjani le nto? Gunya lini eli ninalo? Ligama likabani eli nisebenze ngalo?”

8. UPetros, ezele nguMoya oyiNgcwele, wabaphendula wathi: “Ziphathamandla nani badala,

Umsebenzi Wabathunywa 4