Umsebenzi Wabathunywa 4:34-37 Ibhayibhile (XHO96)

34. Kwakungekho bani usweleyo phakathi kwabo. Ababenemihlaba nezindlu babethengisa ngazo, baze imali leyo bayifumeneyo

35. beze nayo, bayinike abathunywa, ize yabelwe ulowo nalowo ngokweentswelo zakhe.

36. UJosefu, *umLevi onkaba iseSipro, owathiywa ngabathunywa bathi nguBarnabha, uMthuthuzeli,

37. wathengisa umhlaba wakhe, waza wayizisa imali leyo kubathunywa.

Umsebenzi Wabathunywa 4