Umsebenzi Wabathunywa 27:21-25 Ibhayibhile (XHO96)

21. Emva kwexesha elide amadoda lawo engatyi, waphakama uPawulos wathi: “Madoda, ukuba nanindivile asemka eKrete, ngesiwuphephile wonke lo monakalo nale lahleko ingaka.

22. Kodwa ke qinani, ndiyanibongoza! Kuba akukho bani uza kuphulukana nobomi bakhe; yinqanawa yodwa eza konakala.

23. Kuba phezolo isithunywa sikaThixo, lo ndingowakhe ndimnqulayo, sifike kum,

24. sathi: ‘Sukoyika, Pawulos! Uza kuma phambi *koKhesare. UThixo ngokulunga kwakhe uza kubasindisa bonke aba uhamba nabo.’

25. Ngoko ke, madoda, qinani; kuba ndimthembile uThixo ukuba uya kwenza njengoko andixeleleyo.

Umsebenzi Wabathunywa 27