9. NamaJuda asingqina esi simangalo ukuba siyinyaniso.
10. Irhuluneli yanqwala kuPawulos ukuba athethe, waza wathi: âNdiyazi ukuba uneminyaka emininzi ugweba kwesi sizwe; yiyo loo nto ndivuyayo kuba ndiziphendulela phambi kwakho.
11. Nawe unokuyiqonda into yokuba azingaphezu kweshumi elinambini iintsuku ndayayo eJerusalem ndiye kunqula.
12. AmaJuda akandifumananga ndixoxa namntu *endlwini kaThixo, engandifumananga ndiphembelela dushe bantwini *ezindlwini zesikhungo, okanye naphi na apho edolophini.
13. Futhi akanabo ubungqina obuphathekayo malunga nezi zinto andityhola ngazo ngoku.
14. Le yona into ndiyayivuma: Ndikhonza uThixo wookhokho bethu ngokulandela iNdlela le athi wona ayikho mgaqweni. Ndikholwa zizo zonke izinto ezibhaliweyo encwadini *yomthetho kaMosis nasezincwadini *zabashumayeli.
15. Ndibambelele ethembeni elinye nabo abamangali, eli lokuba bonke abantu, abalungileyo nabangalunganga, baya kuvuka ekufeni.