4. Andifuni ukulidla ixesha lakho, ngoko ke ndicela ukuba usiphulaphule ngobulali esi simangalo.
5. Lo mfo simfumene engumdodobalisi oyingozi. Uhamba ephemba udushe phakathi kwamaJuda kulo lonke elimiweyo; futhi uyinkokheli yegqiza lamaNazarete.
6. Samfumana ezama ukunyelisa *indlu kaThixo, saza sambamba. [Sasifuna ukumgweba ngokomthetho wethu,
7. kodwa kwafika umphathi-mkhosi uLisiya wamhlutha kakubi.
8. ULisiya wayalela ukuba aze kumangalelwa kuwe.] Nawe ngokwakho ekumvavanyeni kwakho uya kuziqonda uziva ngaye ezi zinto simmangalela ngazo.”
9. NamaJuda asingqina esi simangalo ukuba siyinyaniso.
10. Irhuluneli yanqwala kuPawulos ukuba athethe, waza wathi: “Ndiyazi ukuba uneminyaka emininzi ugweba kwesi sizwe; yiyo loo nto ndivuyayo kuba ndiziphendulela phambi kwakho.