Umsebenzi Wabathunywa 24:3-9 Ibhayibhile (XHO96)

3. Ngamaxesha onke siyazamkela ezi zinto, futhi sinongazenzisiyo umbulelo kuwe.

4. Andifuni ukulidla ixesha lakho, ngoko ke ndicela ukuba usiphulaphule ngobulali esi simangalo.

5. Lo mfo simfumene engumdodobalisi oyingozi. Uhamba ephemba udushe phakathi kwamaJuda kulo lonke elimiweyo; futhi uyinkokheli yegqiza lamaNazarete.

6. Samfumana ezama ukunyelisa *indlu kaThixo, saza sambamba. [Sasifuna ukumgweba ngokomthetho wethu,

7. kodwa kwafika umphathi-mkhosi uLisiya wamhlutha kakubi.

8. ULisiya wayalela ukuba aze kumangalelwa kuwe.] Nawe ngokwakho ekumvavanyeni kwakho uya kuziqonda uziva ngaye ezi zinto simmangalela ngazo.”

9. NamaJuda asingqina esi simangalo ukuba siyinyaniso.

Umsebenzi Wabathunywa 24