Umsebenzi Wabathunywa 24:10-19 Ibhayibhile (XHO96)

10. Irhuluneli yanqwala kuPawulos ukuba athethe, waza wathi: “Ndiyazi ukuba uneminyaka emininzi ugweba kwesi sizwe; yiyo loo nto ndivuyayo kuba ndiziphendulela phambi kwakho.

11. Nawe unokuyiqonda into yokuba azingaphezu kweshumi elinambini iintsuku ndayayo eJerusalem ndiye kunqula.

12. AmaJuda akandifumananga ndixoxa namntu *endlwini kaThixo, engandifumananga ndiphembelela dushe bantwini *ezindlwini zesikhungo, okanye naphi na apho edolophini.

13. Futhi akanabo ubungqina obuphathekayo malunga nezi zinto andityhola ngazo ngoku.

14. Le yona into ndiyayivuma: Ndikhonza uThixo wookhokho bethu ngokulandela iNdlela le athi wona ayikho mgaqweni. Ndikholwa zizo zonke izinto ezibhaliweyo encwadini *yomthetho kaMosis nasezincwadini *zabashumayeli.

15. Ndibambelele ethembeni elinye nabo abamangali, eli lokuba bonke abantu, abalungileyo nabangalunganga, baya kuvuka ekufeni.

16. Ndibe ke ndizama kangangoko ndinako ukuba ndihlale ndingenasazela nganto phambi koThixo naphambi kwabantu.

17. “Ndakha ndangabikho iminyaka emininzi eJerusalem, ndaza emva koko ndaya khona ndisisela abantu bakowethu imali, futhi ndisiya kwenza amadini.

18. Ndandisendlwini kaThixo apho ke, ukundifikela kwawo amaJuda ekubeni sendigqibe ukwenza *intlambululo. Ndandingekho esiphithi-phithini, futhi kungekho naqhushululu olo.

19. Ayekhona amaJuda athile ephondo laseAsiya; ebefanele ukuba alapha phambi kwakho andimangalele ngokwawo, xa enendawo ngakum.

Umsebenzi Wabathunywa 24