Umsebenzi Wabathunywa 24:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Emva kweentsuku ezintlanu umbingeleli omkhulu uHananiya waya eKhesariya, ekunye nabadala abathile noTertulo igqwetha. Bavela phambi kwerhuluneli bemmangalela uPawulos.

2. Weziswa uPawulos, waza uTertulo wammangalela wenjenje: “Felekis, mhlekazi ohloniphekileyo, ukulawula kwakho ngobulumko kuze nethuba elide loxolo. Nezinye izinto eziyimfuneko zenkqubela siyazibona zisenzeka kweli lizwe lethu.

3. Ngamaxesha onke siyazamkela ezi zinto, futhi sinongazenzisiyo umbulelo kuwe.

Umsebenzi Wabathunywa 24