18. Ndabona iNkosi isithi kum: ‘Khawuleza umke eJerusalem, kuba abantu balapha abayi kubamkela ubungqina bakho ngam.’
19. Ndathi ke mna: ‘Nkosi, bazi kakuhle ukuba ndandifika ndibabambe abo bazinikele kuwe, ndibabethele apho *ezindlwini zesikhungo.
20. Kanti nangamhla kwakubulawa uStefano, ingqina lakho, nam ndandikho. Ndandihambisana nokugwintwa kwakhe, neempahla zababemgebenga zigcinwe ndim lo.’
21. Yathi kum iNkosi: ‘Hamba, kuba ndiza kukuthuma kude kweleentlanga.’ ”
22. Babemphulaphule abantu uPawulos, kwada kwaza kutsho kule ndawo; basuka ke batsho ngentswahla besithi: “Msuse! Bulala loo nto!”