Umsebenzi Wabathunywa 22:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Mawethu, nani bobawo, khanindiphulaphule xa ndiziphendulelayo.”

2. Bathi bakumva ukuba uthetha ngesiHebhere, bathi cwaka.Waza waqhuba wathi uPawulos:

3. “Mna ndingumJuda, ndazalelwa eTarso kwelaseKiliki, kodwa ndakhulela apha eJerusalem, ndingumfundi kaGamaliyeli. Ndafumana ingqeqesho ecokisekileyo kumthetho wookhokho bethu; futhi ndandizinikele kuThixo, ndinjengokuba ninjalo nani namhlanje.

4. Ndandibatshutshis' ukufa abantu abalandela le Ndlela. Ndandiwabamba amadoda kwanabafazi, ndibafake entolongweni.

5. Umbingeleli omkhulu *neBhunga xa lilonke bangangqina ukuba ndithetha inyaniso xa nditshoyo. Ndandithatha iincwadi kubo, zibhalelwe amaJuda aseDamasko, ndize mna ndihambe ndiye kubamba abantu, ndibabuyise bekhonkxiwe, ndibazise eJerusalem, ukuze bohlwaywe.”

Umsebenzi Wabathunywa 22