Umsebenzi Wabathunywa 22:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Mawethu, nani bobawo, khanindiphulaphule xa ndiziphendulelayo.”

2. Bathi bakumva ukuba uthetha ngesiHebhere, bathi cwaka.Waza waqhuba wathi uPawulos:

3. “Mna ndingumJuda, ndazalelwa eTarso kwelaseKiliki, kodwa ndakhulela apha eJerusalem, ndingumfundi kaGamaliyeli. Ndafumana ingqeqesho ecokisekileyo kumthetho wookhokho bethu; futhi ndandizinikele kuThixo, ndinjengokuba ninjalo nani namhlanje.

Umsebenzi Wabathunywa 22