Umsebenzi Wabathunywa 21:36-40 Ibhayibhile (XHO96)

36. Bonke babemlandela bekhwaza besithi: “Bulala!”

37. Xa babeza kungena enqabeni, wathi uPawulos kwingqwayi-ngqwayi yomkhosi: “Ndingákhe ndithethe nawe?”Ingqwayi-ngqwayi ithe: “Kanti uyasazi isiGrike?

38. Kuthe kanti akunguye laa mJiputa wakha wadala uqhushululu apha, wakhokelela endle amawaka amane abarhubuluzi bexhobile?”

39. Uphendule wathi uPawulos: “Mna ndingumJuda; ndazalelwa eTarso kwelaseKiliki. Ndingummi wedolophu ebalulekileyo. Ndivumele ndikhe ndibhekise ilizwi kwaba bantu.”

40. Yamvumela ingqwayi-ngqwayi, waza ke uPawulos emi ezitepsini wawangawangisa ngesandla ukuba bathi cwaka abantu, wadanduluka ngesiHebhere esithi:

Umsebenzi Wabathunywa 21