Umsebenzi Wabathunywa 21:28-35 Ibhayibhile (XHO96)

28. akhwaza esithi: “MaSirayeli, yizani! Nantsi le ndoda ihamba ithetha kakubi ngamaSirayeli, *ngomthetho kaMosis, nangendlu kaThixo, kumntu wonke. Ngoku ize kungcolisa le ndawo ingcwele ngokungenisa iintlanga kuyo.”

29. Babesitsho kuba babekhe bambona kaloku uTrofimo wase-Efese edolophini apho, ekunye noPawulos; ngoku ke babeba uPawulos umzise endlwini kaThixo.

30. Yaba ludushe ke kuyo yonke idolophu; basuka indulumbane bonke abantu, bambamba uPawulos, bamqweqwedisela ngaphandle kwendlu kaThixo. Kwangoko bazivala iingcango.

31. Babeza kumbulala uPawulos ukuba kwakungafikanga lizwi kwingqwayi-ngqwayi yomkhosi wamaRoma, liyixelela ngodushe oluseJerusalem.

32. Kwangoko ingqwayi-ngqwayi yesuka kunye namagosa ayo, neqela lamajoni, yasukela apho kolo dushe. Bakuyibona isiza namajoni, bayeka ukumbetha uPawulos abantu.

33. Ingqwayi-ngqwayi yaya kuPawulos, yambamba, yayalela nokuba akhonkxwe ngamatyathanga amabini. Yaza ke yabuza isithi: “Ngubani lo mntu? Wenze ntoni?”

34. Loo ndimbane yaphendula, abanye bethetha le, abanye bethetha leya. Kwakuphithizela kangangokuba ingqwayi-ngqwayi ayizange ikuqonde ncam okwakwenzekile, yaza ke yayalela ukuba uPawulos asiwe enqabeni yamajoni.

35. Baya kufika naye ezitepsini, kwanyanzeleka ukuba amthwale apho amajoni, ngenxa yesiphithi-phithi sabantu.

Umsebenzi Wabathunywa 21