Umsebenzi Wabathunywa 21:26-39 Ibhayibhile (XHO96)

26. Ke kaloku uPawulos wahlangana nawo loo madoda, waza ngengomso walenza kunye nawo isiko lokuhlanjululwa. Waza ke waya endlwini kaThixo ukuya kwenza amalungiselelo alo mcimbi, ngokukodwa malunga nomnikelo owawuya kufuneka ekupheleni kwexesha lentlambululo.

27. Xa zaziza kuphela iintsuku ezisixhenxe *zentlambululo, amaJuda athile ephondo laseAsiya ambona uPawulos *esendlwini kaThixo. Avusa uqhushululu ebantwini, ambamba uPawulos,

28. akhwaza esithi: “MaSirayeli, yizani! Nantsi le ndoda ihamba ithetha kakubi ngamaSirayeli, *ngomthetho kaMosis, nangendlu kaThixo, kumntu wonke. Ngoku ize kungcolisa le ndawo ingcwele ngokungenisa iintlanga kuyo.”

29. Babesitsho kuba babekhe bambona kaloku uTrofimo wase-Efese edolophini apho, ekunye noPawulos; ngoku ke babeba uPawulos umzise endlwini kaThixo.

30. Yaba ludushe ke kuyo yonke idolophu; basuka indulumbane bonke abantu, bambamba uPawulos, bamqweqwedisela ngaphandle kwendlu kaThixo. Kwangoko bazivala iingcango.

31. Babeza kumbulala uPawulos ukuba kwakungafikanga lizwi kwingqwayi-ngqwayi yomkhosi wamaRoma, liyixelela ngodushe oluseJerusalem.

32. Kwangoko ingqwayi-ngqwayi yesuka kunye namagosa ayo, neqela lamajoni, yasukela apho kolo dushe. Bakuyibona isiza namajoni, bayeka ukumbetha uPawulos abantu.

33. Ingqwayi-ngqwayi yaya kuPawulos, yambamba, yayalela nokuba akhonkxwe ngamatyathanga amabini. Yaza ke yabuza isithi: “Ngubani lo mntu? Wenze ntoni?”

34. Loo ndimbane yaphendula, abanye bethetha le, abanye bethetha leya. Kwakuphithizela kangangokuba ingqwayi-ngqwayi ayizange ikuqonde ncam okwakwenzekile, yaza ke yayalela ukuba uPawulos asiwe enqabeni yamajoni.

35. Baya kufika naye ezitepsini, kwanyanzeleka ukuba amthwale apho amajoni, ngenxa yesiphithi-phithi sabantu.

36. Bonke babemlandela bekhwaza besithi: “Bulala!”

37. Xa babeza kungena enqabeni, wathi uPawulos kwingqwayi-ngqwayi yomkhosi: “Ndingákhe ndithethe nawe?”Ingqwayi-ngqwayi ithe: “Kanti uyasazi isiGrike?

38. Kuthe kanti akunguye laa mJiputa wakha wadala uqhushululu apha, wakhokelela endle amawaka amane abarhubuluzi bexhobile?”

39. Uphendule wathi uPawulos: “Mna ndingumJuda; ndazalelwa eTarso kwelaseKiliki. Ndingummi wedolophu ebalulekileyo. Ndivumele ndikhe ndibhekise ilizwi kwaba bantu.”

Umsebenzi Wabathunywa 21