7. Ngokuhlwa koMgqibelo sahlanganisana kwisidlo sobudlelwana. UPawulos wathetha nabo abantu, wolula kwada kwaphakathi kobusuku, kuba kaloku wayeza kuhamba ngomhla olandelayo.
8. Intlanganiso leyo yayisegumbini eliphezulu apho kwakukho izibane ezininzi.
9. Umfana ogama linguYutiko wayehleli efestileni, wada wozela walala, kuba uPawulos engayeki ukuthetha. Wothuleka apho kumngangatho wesithathu, waya kuwa emhlabeni, bamchola apho efile.
10. UPawulos wehla waya kuye, wafika waziphosa phezu kwakhe, wamgona, wathi: “Sanukothuka, kuba akafanga, uhleli!”