Umsebenzi Wabathunywa 20:35-38 Ibhayibhile (XHO96)

35. Ndinibonisile ngeendlela zonke ukuba sifanele ukusebenza nzima, ukuze sincede nabo bahluphekileyo, siwakhumbula amazwi eNkosi athi: ‘Kuluyolo ukupha ngaphezu kokuphiwa.’ ”

36. Akuwagqiba la mazwi uPawulos, waguqa nabo bonke, wathandaza.

37. Bathi besithi ndlela-ntle kuye, baye bengenakuzibamba bengqukruleka. Babemgona ngokwesiko labo.

38. Babehlatyaniselwe ngokukodwa ngamazwi awawathetháyo esithi abayi kuphinda bambone. Baza ke bamkhapha, baya naye enqanaweni.

Umsebenzi Wabathunywa 20