35. Ndinibonisile ngeendlela zonke ukuba sifanele ukusebenza nzima, ukuze sincede nabo bahluphekileyo, siwakhumbula amazwi eNkosi athi: ‘Kuluyolo ukupha ngaphezu kokuphiwa.’ ”
36. Akuwagqiba la mazwi uPawulos, waguqa nabo bonke, wathandaza.
37. Bathi besithi ndlela-ntle kuye, baye bengenakuzibamba bengqukruleka. Babemgona ngokwesiko labo.
38. Babehlatyaniselwe ngokukodwa ngamazwi awawathetháyo esithi abayi kuphinda bambone. Baza ke bamkhapha, baya naye enqanaweni.