Umsebenzi Wabathunywa 20:22-35 Ibhayibhile (XHO96)

22. Ngoku ke ngokuthundezwa nguMoya oyiNgcwele ndiya eJerusalem, ndingayazi into eya kundihlela khona.

23. Ndazi nto-nye, le yokuba kuzo zonke iidolophu uMoya oyiNgcwele undilumkisile ukuba ndilindelwe yintolongo neenkxwaleko.

24. Kodwa kum ukuphila akubalulekanga ngaphezu kokuba ndilufeze ubizo lwam, ndiwugqibe umsebenzi endawunikwa yiNkosi wokuvakalisa iindaba ezimnandi zesisa sikaThixo.

25. “Ndijikelezile phakathi kwenu, ndivakalisa ngolawulo lukaThixo kuni. Ibe ngoku ndazi kakuhle ukuba akukho bani kuni uya kuphinda andibone.

26. Ngokunjalo ndingqina ndiqinisekile ngayo le mini ukuba xa kuthe kwakho umntu olahlekayo apha kuni, ndimsulwa mna,

27. kuba andizange ndifihle nto – ndalivakalisa njengoko linjalo icebo likaThixo kuni.

28. Zilumkeleni nina ngokwenu, niwulumkele nawo umhlambi athe uMoya oyiNgcwele wanibeka phezu kwawo. Yibani ngabelúsi bebandla likaThixo, athe walizuza ngegazi lowakhe uNyana.

29. Kuba ndiyazi ukuba ndakumka, kuya kuvela kwalapha kuni iingcuka eziqwengayo, ezingayi kuba nanceba ngomhlambi lo.

30. Kwalapha kuni kuya kubakho amadoda agqwetha inyaniso, enenjongo yokuwalahlekisa amakholwa.

31. Lumkani ngoko, nikhumbule ukuba imini nobusuku ndaniluleka nonke ngabanye, ndisezinyembezini, ithuba leminyaka emithathu.

32. “Ngoko ke ndiyambongoza uThixo ukuba makanikhusele. Uya kunakha ngodaba lwesisa sakhe, olunamandla okunenza nilixhamle ilifa kunye nabo bonke abantu bakhe.

33. Andizange ndinqwenele mali nampahla yamntu.

34. Kaloku nazi mhlophe ukuba ndasebenza ngezi zandla zam, ndizixhasa kuzo zonke iintswelo zam kwanezamahlakani am.

35. Ndinibonisile ngeendlela zonke ukuba sifanele ukusebenza nzima, ukuze sincede nabo bahluphekileyo, siwakhumbula amazwi eNkosi athi: ‘Kuluyolo ukupha ngaphezu kokuphiwa.’ ”

Umsebenzi Wabathunywa 20