18. Bakufika wathi kubo: “Nina ngokwenu niyayazi kakuhle indlela endahlala nani ngayo, ukusuka kwimini yokuqala endathi ndafika ngayo kweli phondo laseAsiya.
19. Njengesicaka seNkosi, umsebenzi wam ndawenza ngentobeko ndisezinyembezini, nakumaxesha anzima ândifikeláyo ngenxa yamayelenqe amaJuda.
20. Niyazi ukuba andinifihlelanga nto ebinokuba luncedo kuni, xa bendishumayela ndinifundisa esidlangalaleni nasemakhayeni enu.
21. KumaJuda nasezintlangeni ndazingisa ukubalumkisa abantu ukuba baguqukele kuThixo beyivuma iNkosi yethu uYesu.
22. Ngoku ke ngokuthundezwa nguMoya oyiNgcwele ndiya eJerusalem, ndingayazi into eya kundihlela khona.
23. Ndazi nto-nye, le yokuba kuzo zonke iidolophu uMoya oyiNgcwele undilumkisile ukuba ndilindelwe yintolongo neenkxwaleko.
24. Kodwa kum ukuphila akubalulekanga ngaphezu kokuba ndilufeze ubizo lwam, ndiwugqibe umsebenzi endawunikwa yiNkosi wokuvakalisa iindaba ezimnandi zesisa sikaThixo.