Umsebenzi Wabathunywa 2:6-12 Ibhayibhile (XHO96)

6. Bakukuva oko kwakusenzeka, kwahlanganisana indimbane yabantu, bonke bemangalisiwe kukuva abalandeli bakaYesu bethetha iilwimi zabo.

7. Bethe khumnqa, bathi: “Okunene aba bantu ngamaGalili bonke!

8. Ke, kutheni le nto sonke ngabanye sibeva bethetha nathi ngolwimi lweenkobe?

9. Thina singamaParti, namaMedi, namaElam, nabaseMesopotami, nabakwaJuda, nabaseKapadoki; singabasePonto naseAsiya,

10. eFrigi nasePamfili, naseJiputa nabemimandla yaseLibhiya engaseKirene, nabahambi abavela eRoma.

11. SingamaJuda nabangeni buJudeni, amaKrete nama-Arabhu. Siyabeva beyithetha ngeelwimi zethu imisebenzi yamandla kaThixo.”

12. Bethe nqa ke bexakiwe, babuzana bathi: “Awu! Ngaba ithetha ntoni le nto?”

Umsebenzi Wabathunywa 2