Umsebenzi Wabathunywa 19:16-20 Ibhayibhile (XHO96)

16. Ke kaloku indoda leyo yayinendimoni yabahlasela yabongamela, ibadlakazelisa kangangokuba baphuma apho kuloo ndlu bagqotsa bengxwelerhekile, neempahla zabo zivukuvuku.

17. Onke amaJuda neentlanga ezazihlala apho e-Efese zasiva esi siganeko, zaza zoyika kakhulu; laza igama leNkosi uYesu lanikwa imbeko ladunyiswa.

18. Amakholwa amaninzi azinikezela, ezivuma ezixela esidlangalaleni izinto azenzileyo.

19. Uninzi lwâbo babesenza imilingo lwaziqokelela lwazitshisela esidlangalaleni iincwadi zalo. Bawabala bawadibanisa amaxabiso ezo ncwadi, bazifumana zikwisithuba samashumi amahlanu amawaka eerandi.

20. Ngamandla eNkosi ilizwi leNkosi lanwenwezela, lakhula, laya lisomelela ngokomelela ngale ndlela.

Umsebenzi Wabathunywa 19