12. Neetshefu ezi kwaneefaskoti ezichukumise umzimba kaPawulos zazibaphilisa abagulayo, kude kuphume neendimoni.
13. AmaJuda athile awayejikeleza ekhupha iindimoni, nawo akhe azama ukusebenzisa igama leNkosi uYesu. Ayesithi kwiindimoni: “Ndikuyala ngegama likaYesu, lo ushunyayelwa nguPawulos.”
14. Aba babesenza le nto yayingoonyana abasixhenxe bombingeleli oyintloko womJuda owayenguSkeva igama.
15. Kodwa indimoni yathi kubo: “Ndiyamazi uYesu, noPawulos ndiyamazi; nina ke ningoobani?”
16. Ke kaloku indoda leyo yayinendimoni yabahlasela yabongamela, ibadlakazelisa kangangokuba baphuma apho kuloo ndlu bagqotsa bengxwelerhekile, neempahla zabo zivukuvuku.
17. Onke amaJuda neentlanga ezazihlala apho e-Efese zasiva esi siganeko, zaza zoyika kakhulu; laza igama leNkosi uYesu lanikwa imbeko ladunyiswa.
18. Amakholwa amaninzi azinikezela, ezivuma ezixela esidlangalaleni izinto azenzileyo.
19. Uninzi lwâbo babesenza imilingo lwaziqokelela lwazitshisela esidlangalaleni iincwadi zalo. Bawabala bawadibanisa amaxabiso ezo ncwadi, bazifumana zikwisithuba samashumi amahlanu amawaka eerandi.
20. Ngamandla eNkosi ilizwi leNkosi lanwenwezela, lakhula, laya lisomelela ngokomelela ngale ndlela.
21. Emva koko uPawulos wazimisela ukucanda kwelaseMakedoni nelaseAkaya, aze agqithele eJerusalem. “Ndakuba ndiyile khona, kufuneka ndiyibone neRoma,” wakha watsho.
22. Ke kaloku wathumela eMakedoni uTimoti noErasto abancedisi bakhe, lo gama athe yena wolula ukuhlala kwiphondo laseAsiya.