Umsebenzi Wabathunywa 19:12-15 Ibhayibhile (XHO96)

12. Neetshefu ezi kwaneefaskoti ezichukumise umzimba kaPawulos zazibaphilisa abagulayo, kude kuphume neendimoni.

13. AmaJuda athile awayejikeleza ekhupha iindimoni, nawo akhe azama ukusebenzisa igama leNkosi uYesu. Ayesithi kwiindimoni: “Ndikuyala ngegama likaYesu, lo ushunyayelwa nguPawulos.”

14. Aba babesenza le nto yayingoonyana abasixhenxe bombingeleli oyintloko womJuda owayenguSkeva igama.

15. Kodwa indimoni yathi kubo: “Ndiyamazi uYesu, noPawulos ndiyamazi; nina ke ningoobani?”

Umsebenzi Wabathunywa 19