1. Ngexesha uApolo wayeseKorinte, uPawulos yena wacanda phakathi kuloo mimandla, waya kufika e-Efese. Apho wafumana iqela labalandeli bakaYohane,
2. wababuza wathi: “Namamkela na uMoya oyiNgcwele ukuzinikela kwenu?”Baphendula bathi: “Asizange sive nokuva ukuba kukho uMoya oyiNgcwele.”
3. UPawulos wababuza wathi: “Phofu lubhaptizo luni enabhaptizwa ngalo?”Bona bathi: “Lubhaptizo lukaYohane.”
4. UPawulos wabachazela wathi: “Ubhaptizo lukaYohane lona lwalusalatha inguquko. Yena wayebaxelela abantu ukuba bazinikele kulowo wayesiza emva kwakhe; nguYesu ke lowo.”
5. Bakuyiva le ntetho, babhaptizwa egameni leNkosi uYesu.
6. UPawulos wababeka izandla, batsho bamamkela uMoya oyiNgcwele, baza bathetha iilwimi, belithetha ilizwi likaThixo.
7. Babengamadoda amalunga neshumi elinambini.