Umsebenzi Wabathunywa 18:19-28 Ibhayibhile (XHO96)

19. Bakufika e-Efese, uPawulos wabashiya ooPrisila noAkwila, waya endlwini yesikhungo, waxoxa khona namaJuda.

20. Babemcela ukuba ahlale nabo ixesha elide, kodwa akavuma.

21. Wasuka wathi xa ahambayo: “Ukuba ngaba kuyintando kaThixo ukuba ndibuye, ndobuya ndibuye.” Waza ke wemka e-Efese.

22. Akufika eKhesariya, wadlula waya kubulisa ibandla, waza ke waya eAntiyokwe.

23. Emva kwethuba elapho wemka, watyhutyha imimandla yaseGalati neyaseFrigi, ehamba ewomeleza onke amakholwa.

24. E-Efese kwafika umJuda, ogama linguApolo, owazalelwa eAlesandriya. Wayeliciko lokuthetha, futhi ezazi ngokucokisekileyo *iziBhalo.

25. Wayeqeqeshiwe ngeNdlela yeNkosi, ngokunjalo wayethetha ngokutshiseka ezifundisa iinyaniso ezingoYesu ngentembeko. Nangona kunjalo wayesazi ubhaptizo lukaYohane kuphela.

26. Wayethetha ngesibindi *endlwini yesikhungo. Bathi ke bakumva ooPrisila noAkwila, bammemela emzini wabo, bamcacisela kakuhle ngokuzeleyo iNdlela yeNkosi.

27. UApolo wagqiba ukuba aye kwelaseAkaya, aza amakholwa ase-Efese amkhuthaza amphathisa neleta emazisayo kumakholwa alapho. Akufika khona waba luncedo olukhulu kwabo babethe ngesisa sikaThixo baguquka,

28. kuba ngenxa yobuciko bakhe wayewoyisa amaJuda ezingxoxweni. Kaloku wayecaphula eziBhalweni, ebonisa ukuba uYesu *unguKrestu.

Umsebenzi Wabathunywa 18