Umsebenzi Wabathunywa 18:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Emva koko uPawulos wemka eAtene, wabheka eKorinte.

2. Apho wadibana nomJuda ogama linguAkwila, owazalelwa ePonto, ekunye noPrisila umkakhe. Wayesand' ukufika apho, evela eItali, ekubeni *uKhesare Klawudiyo wawagxothayo amaJuda awayeseRoma. Ebandwendwele uPawulos,

3. wahlala kunye nabo, wasebenza kunye nabo, kuba kaloku wayephila ngokwenza iintente njengabo.

4. Yonke imiGqibelo wayedla ngokubamba iingxoxo *endlwini yesikhungo, ezama ukuwanelisa amaJuda kwanamaGrike.

5. Bakufika ooSilas noTimoti, bevela eMakedoni, uPawulos akabanga senza nto yimbi ingekuko ukushumayela iindaba ezimnandi, ewacacisela amaJuda ukuba uYesu unguye uKrestu.

6. Kuthe akumchasa emngcikiva, wavuthulula iimpahla zakhe, ekhalala, esithi: “Ukuba nithe natshabalala, lityala lenu. Mna andinatyala kuloo nto. Ukususela ngoku ndiya ezintlangeni.”

7. Wabashiya ke waya kuhlala emzini kaTitiyo Yusto intlanga eyayimnqula uThixo. Umzi wakhe wawumelene nendlu yesikhungo.

8. UKrispo, igosa lendlu yesikhungo, wazinikela eNkosini kunye nentsapho yakhe. Kwabhaptizwa nenkitha yabantu eKorinte eyalivayo ilizwi yazinikela eNkosini.

9. Ngabusuku buthile uPawulos waba nombono apho, yathi iNkosi kuye: “Sukoyika, zingisa ukuthetha ungancami,

10. kuba mna ndinawe. Akukho mntu uya kukuchukumisa, kuba baninzi abantu bam kule dolophu.”

11. UPawulos wahlala apho ke unyaka onesiqingatha, ebafundisa ilizwi likaThixo abantu.

Umsebenzi Wabathunywa 18