Umsebenzi Wabathunywa 17:5-8 Ibhayibhile (XHO96)

5. Kodwa akhathazeka amaJuda, aqokelela amatshijolo ezitalatweni, yaligquba elenza intswahla nesiphithi-phithi edolophini. Lawuhlasela umzi kaJason, liba balapho ooPawulos noSilas, liza kubasa ematyaleni.

6. Kodwa lakungabafumani, larhuqa uJason kunye namanye amakholwa, libasa kubaphathi-dolophu, likhwaza lisithi: “La madoda luqhushululu konke apho ahamba khona; ngoku eze nakule idolophu,

7. yaye uJason uwagcine phaya endlwini yakhe. Ewonke angabaphuli-mthetho *kaKhesare, kuba athi kukho nkosi yimbi inguKrestu Yesu.”

8. Ngaloo mazwi basitsho isihlwele nabaphathi-dolophu bakhathazeka.

Umsebenzi Wabathunywa 17