Umsebenzi Wabathunywa 16:29-36 Ibhayibhile (XHO96)

29. Ujela lowo wathi makuziwe nesibane, waza engcangcazela enjalo wangena wawa ezinyaweni zikaPawulos noSilas.

30. Wabakhuphela phandle, wabuza wathi: “Bahlekazi, ndingenza ntoni ukuze ndisinde?”Bona baphendula bathi:

31. “Zinikele eNkosini uYesu; uya kusindiswa wena nosapho lwakho.”

32. Bamchazela ke yena nabo bonke ababesendlwini yakhe ngodaba lweNkosi.

33. Ngaloo yure kanye yobusuku ujela wabathatha, wahlamba amanxeba abo; waza wabhaptizwa kunye nosapho lwakhe kwangoko.

34. Waya nabo endlwini yakhe ooPawulos noSilas, wabapha ukutya. Yena nosapho lwakhe bazaliswa luvuyo ngenxa yokuba bezinikele kuThixo.

35. Ngentsasa elandelayo abasemagunyeni bathumela amagosa abo, besithi: “Wakhululeni loo madoda.”

36. Ujela ke wamxelela uPawulos ukuba iziphathamandla zithumele umyalelo wokuba yena noSilas bangákhululwa. Ngoko ke bakhululekile bangáhamba ngoxolo.

Umsebenzi Wabathunywa 16