2. Onke amakholwa aseListra naseIkoniyo ayemazi ngesimilo esihle uTimoti.
3. UPawulos wafuna ukuhamba noTimoti, ngoko ke wamolùsa kuqala, kuba onke amaJuda aloo mmandla ayesazi ukuba uyise wayengolukanga.
4. Ekuzityhutyheni kwabo ezo dolophu, amakholwa bawazisa ngesigqibo *sabathunywa nabadala eJerusalem.
5. Aza ke amabandla omelezeka elukholweni, anda nangamanani imihla ngemihla.
6. Xa babekwingingqi yaseFrigi naseGalati, uMoya oyiNgcwele wabalela ukuba balishumayele ilizwi eAsiya.
7. Bakufika emdeni waseMisi, bazama ukungena eBhitini, kodwa nakhona uMoya kaYesu akabavumelanga.
8. Ngoko ke bacanda eMisi, behla baya eTrowa.
9. Xa babelapho ke, ebusuku uPawulos wabona umbono. Indoda yaseMakedoni yayimile imcenga isithi: “Yiza apha eMakedoni, uzokusinceda.”
10. Ngokukhawuleza emva kwalo mbono kaPawulos, salungiselela ukuya eMakedoni, kuba saqonda ukuba uThixo usibizela ukuba siye kuzishumayela iindaba ezimnandi kubantu balapho.
11. Semka ngesikhephe eTrowa, sahamba ngqo sacanda sijonge eSamotraki, saza ngengomso sangena eNapoli.