Umsebenzi Wabathunywa 16:10-30 Ibhayibhile (XHO96)

10. Ngokukhawuleza emva kwalo mbono kaPawulos, salungiselela ukuya eMakedoni, kuba saqonda ukuba uThixo usibizela ukuba siye kuzishumayela iindaba ezimnandi kubantu balapho.

11. Semka ngesikhephe eTrowa, sahamba ngqo sacanda sijonge eSamotraki, saza ngengomso sangena eNapoli.

12. Sakusuka apho, saya kutsho eFilipi, idolophu yokuqala kwisithili saseMakedoni, eyayilithânga laseRoma. Sakhe sahlala iintsukwana apho kuloo dolophu.

13. *NgoMhla wokuPhumla saphuma edolophini, saya ngasemlanjeni, apho sasiba koba kukho indawo athandazela kuyo amaJuda. Sahlala phantsi, sancokola namakhosikazi awayebuthe apho.

14. Enye yawo eyayisiphulaphule nguLidiya waseTiyatire, owayengumthengisi weempahla ezimsobo zexabiso. Wayeyintokazi eyayimhlonela uThixo, yaza ke iNkosi yayibaza ingqondo ukuba izigqale izinto ezazithethwa nguPawulos.

15. Yabhaptizwa kunye nosapho lwayo. Yaza ke yasimema isithi: “Ukuba nithi ndilikholwa ngenene eNkosini, khanizokuhlala kwam.” Yasithundeza ke ukuba siye.

16. Ngamhla uthile xa sasisiya kwindawo yokuthandaza, sahlangana nentombi eyayilikhoboka. Yayinamafufunyana. Yayibenzela imali eninzi ke abanikaziyo ngokuchazela abantu izinto eziza kubehlela.

17. Yasilandela sinoPawulos, ikhwaza isithi: “La madoda angabakhonzi bakaThixo uPhezukonke. Anishumayeza indlela eningásindiswa ngayo.”

18. Yaqhuba iintsuku ezininzi iyenza le nto, yada yamthukuthezela uPawulos, wajika wathi kuloo moya: “Ngengunya legama likaYesu Krestu ndithi: ‘Phuma kule ntombi.’ ” Aphuma kwangoko amafufunyana.

19. Bakuphawula abanikaziyo ukuba ayisekho indlela yokwenza imali ngale ntombi, babagxavula ooPawulos noSilas, babarhuqela kwinkundla yamatyala eyayisebaleni lembutho.

20. Babamangalela kwabasemagunyeni, besithi: “La madoda angamaJuda, yaye adala isidubedube apha edolophini yethu.

21. Afundisa imikhwa enxamnye nomthetho wethu. Thina singamaRoma, asinakuyamkela loo mikhwa.”

22. Nesihlwele sangenelela ekubahlaseleni.Zaza iziphathamandla zathi mazikrazulwe izambatho zikaPawulos noSilas, babethwe nokubethwa.

23. Bakuba bebethwe kanobom, bavalelwa entolongweni. Wayalelwa nojela ukuba abatshixele abagcine ngokunqabileyo.

24. Ewufumene umyalelo lowo, ujela wabatshixela kwelingaphakathi igumbi, wabakhonkxa iinyawo ngezikhuni.

25. Phakathi kobusuku uPawulos noSilas bathandaza bacula bedumisa uThixo, namanye amabanjwa ebeva.

26. Ngesaquphe kwabakho inyikima eyashukumisa izisekelo zentolongo. Zatsho zavuleka zonke iingcango, namatyathanga akhululeka kumabanjwa.

27. Evukile ujela, wabona iingcango zentolongo zivulekile, wacinga ukuba abalekile amabanjwa onke; waza warhola ikrele lakhe, eza kuzibulala.

28. Kuthe kusenjalo wamemeza uPawulos esithi: “Mus' ukuzenzakalisa, kuba sisaphelele!”

29. Ujela lowo wathi makuziwe nesibane, waza engcangcazela enjalo wangena wawa ezinyaweni zikaPawulos noSilas.

30. Wabakhuphela phandle, wabuza wathi: “Bahlekazi, ndingenza ntoni ukuze ndisinde?”Bona baphendula bathi:

Umsebenzi Wabathunywa 16