Umsebenzi Wabathunywa 15:14-20 Ibhayibhile (XHO96)

14. USimon unichazele indlela uThixo abonakalise ngayo ukuzikhathalela kwakhe iintlanga ngokukhetha phakathi kwazo abantu abangabakhe.

15. Amazwi *abashumayeli ayavumelana nesi senzo, kuba zithi *iziBhalo:

16. “ ‘Emva koku ndiya kubuya,’ itsho iNkosi,‘ndiwuvuse umzi kaDavide ongamanxiwa,ndiwulungise apho wonakele khona,ume kakuhle.

17. Bothi ke bayifune iNkosi bonke abantu,zonke izizwe endizibizileyo zaba zezam,’itsho iNkosi, yona ikwenzileyo oku.

18. “Kakade ke iyaziwa le nto.

19. Ke ngoko mna ndithi masingazixhamli iintlanga eziguqukayo,

20. koko masizibhalele incwadi sizixelele ukuba mazingatyi naluphi na uhlobo lokutya okungahlambulukanga ngenxa yokubingelelwa kwizithixo, zizigcine nyulu ekurheletyeni, zingatyi nasiphi na isilo esikrwitshiweyo, nanyama inegazi.

Umsebenzi Wabathunywa 15