Umsebenzi Wabathunywa 15:1-2 Ibhayibhile (XHO96)

1. Amadoda athile asuka eJerusalem, aya eAntiyokwe afundisa amakholwa esithi akanako ukusindiswa ngaphandle kokuba olùswe *ngokomthetho kaMosis.

2. UPawulos noBharnabha baba nengxoxo eshushu nabo ngalo mbandela, kwaza kwagqitywa ukuba uPawulos noBharnabha kunye nabanye baseAntiyokwe baye eJerusalem, bayokuva le ngxaki *kubathunywa nakubadala.

Umsebenzi Wabathunywa 15