7. Baza bazishumayela khona iindaba ezimnandi.
8. Apho eListra kwakukho indoda eyazalwa isisiqhwala, ingazange yaba nako ukuhamba.
9. Yawaphulaphula ngomdla amazwi kaPawulos. UPawulos wayithi ntshoo ngamehlo, waqonda ukuba inokholo olungayiphilisayo,
10. wadanduluka wathi: “Suk' ume ngeenyawo.” Indoda leyo yatsiba yema, yahamba-hamba.
11. Zithe izihlwele zakuyibona le nto yenziwe nguPawulos, zakhwaza ngesiLikawoni zisithi: “Oothixo beze kuthi befana nabantu!”
12. UBharnabha bamthiya bathi *nguZeyus, uPawulos bathi *nguHermes ngenxa yokuba yena wayesisithethi.
13. Ke kaloku kwakukho indlu yokunqulela uZeyus ngaphandle nje kwedolophu. Waza umbingeleli kaZeyus weza neenkunzi zeenkomo neentyatyambo esangweni ledolophu. Yena nesihlwele eso babefuna ukwenzela *abathunywa idini.
14. Bathe abathunywa ooBharnabha noPawulos bakuyiva le nto iqhubekayo, bazikrazula iimpahla zabo, babaleka baya kuso isihlwele, bekhwaza besithi: