4. Inkoliso yabantu edolophini apho yathi qheke kubini: abanye baba ngakumaJuda, abanye baba ngakubathunywa.
5. Zaza iintlanga namaJuda ndawonye neenkokheli zazimisela ukubaphatha kakubi abathunywa, zibaxulube ngamatye.
6. Bathe bakuyiqonda le nto abathunywa, basaba baya eLikawoni, kwiidolophu zaseListra naseDerbhe nemimandla ejikelezileyo.
7. Baza bazishumayela khona iindaba ezimnandi.
8. Apho eListra kwakukho indoda eyazalwa isisiqhwala, ingazange yaba nako ukuhamba.
9. Yawaphulaphula ngomdla amazwi kaPawulos. UPawulos wayithi ntshoo ngamehlo, waqonda ukuba inokholo olungayiphilisayo,
10. wadanduluka wathi: “Suk' ume ngeenyawo.” Indoda leyo yatsiba yema, yahamba-hamba.
11. Zithe izihlwele zakuyibona le nto yenziwe nguPawulos, zakhwaza ngesiLikawoni zisithi: “Oothixo beze kuthi befana nabantu!”
12. UBharnabha bamthiya bathi *nguZeyus, uPawulos bathi *nguHermes ngenxa yokuba yena wayesisithethi.