1. NaseIkoniyo yaba sesezolo: uPawulos noBharnabha baya *endlwini yesikhungo baza bathetha kangangokuba iqela elikhulu lamaJuda neentlanga lazinikela.
2. Kodwa amaJuda angakholwayo azixhokonxa iintlanga, azifaka umoya ombi ngakumakholwa.
3. *Abathunywa bahlala apho ixesha elide. Bathetha ngesibindi ngeNkosi, iNkosi ibanika amandla okwenza imiqondiso nemimangaliso, ingqina inyaniso yodaba lwabo ngesisa sayo.