Umsebenzi Wabathunywa 13:8-14 Ibhayibhile (XHO96)

8. Kodwa lo mfo unemilingo, owayebizwa ngokuba nguElima ngesiGrike, wachasana nabo, nerhuluneli leyo wafuna ukuyiwexula elukholweni.

9. Waza ke ngoko uSawule, ogama limbi linguPawulos, ezaliswe nguMoya oyiNgcwele, wamjonga lo mfo,

10. wathi: “Nyanandini kamtyholi, lutshabandini lobulungisa, uzele ngamaqhinga nobuqhetseba, usoloko uzama ukugqwetha inyaniso yeNkosi ngobuxoki!

11. Khona ngoku iNkosi iza kukubetha, ube yimfama, futhi kuya kuba mzuzu ungakuboni ukukhanya.”Ngoko nangoko aba nkungu amehlo kaElima, wabuva ubumnyama buwavala, wajikeleza ke empampatha, efuna umntu ongamrhuqayo.

12. Ke kaloku yona irhuluneli yakuyibona loo nto, yazinikela, imangalisiwe yimfundiso emayela neNkosi.

13. UPawulos nababemphahlile bemka ePafo, bahamba ngenqanawe, baya kufika ePerga yasePamfili. Apha ke wahlukana nabo uYohane Marko, wabuyela eJerusalem.

14. Abanye bona banduluka ePerga, babheka eAntiyokwe yasePisidi. Bathi apho *ngoMhla wokuPhumla baya *kwindlu yesikhungo, bafika bahlala phantsi.

Umsebenzi Wabathunywa 13