47. Thina kaloku sanikwa lo myalelo yiNkosi:“ ‘Ndikumisele ukuba ube sisibane sokukhanyisela iintlanga,ube yindlela yokusindiswa kwalo lonke elimiweyo.’”
48. Zavuya iintlanga zakukuva oku, zayidumisa iNkosi ngenxa yodaba lwayo. Abo ke babenyulelwe ukungena ebomini obungonaphakade, baguquka bangamakholwa.
49. Ilizwi leNkosi lanwenwa kuwo wonke loo mmandla.
50. Kodwa amaJuda adala uchuku, enza *abathunywa bavukelwa ngamadoda aloo dolophu aphambili kwanangabafazi abakumgangatho ophezulu entlalweni, ababemhlonela uThixo. Babatshutshisa babagxotha kuloo mmandla.
51. Abathunywa bavuthulula uthuli ezinyaweni, bekhalala, bemka baya eIkoniyo.
52. Basala abalandeli bakaYesu eAntiyokwe bezele luvuyo nanguMoya oyiNgcwele.