36. “Kuba kaloku ngexesha lakhe uDavide wayifeza injongo kaThixo, waza wafa emva koko, wangcwatywa ngakookhokho bakhe, wabola.
37. Kodwa uYesu, evusiwe nje nguThixo, khange abole.
38-39. Yazini niqiniseke xa ninonke, mawethu, ukuba kungoYesu ukushunyayelwa kodaba lokuxolelwa kwezono. Ngokunjalo qondani ukuba wonke umntu ozinikelayo kuye uyakhululwa kuzo zonke izono, obungenako ukumkhulula kuzo *umthetho kaMosis.
40. Lumkani ke ngoko, hleze ihle kuni into eyathethwa ngabashumayeli, besithi:
41. “ ‘Khangelani, nina bagxeki, nimangaliswe nife;kuba umsebenzi endiwenza ngemihla yenuyinto eningayi kukholwa yiyonokuba ubani uthe wanichazela.’”
42. Xa bayishiyayo intlanganiso ooPawulos noBharnabha, abantu babamema ukuba ze beze kwakhona ngoMhla wokuPhumla olandelayo, ukuze baphinde babafundise.