Umsebenzi Wabathunywa 13:24-35 Ibhayibhile (XHO96)

24. Ngaphambi kokufika kukaYesu, uYohane wawashumayeza onke amaSirayeli, esithi makaziguqule iindlela zawo aze abhaptizwe.

25. Ekuwusongeni kwakhe uYohane umsebenzi wakhe, wathi ebantwini: ‘Nithi ndingubani? Andinguye lowo nicinga ukuba ndigunye. Khangelani yena uza emva kwam, ndaye mna andikufanele nokukhulula iimbadada ezi ezinyaweni zakhe.’

26. “Mawethu, nzala ka-Abraham, nani nonke zintlanga zimhlonelayo uThixo, olu daba losindiso lwathunyelwa kuthi.

27. Kaloku abantu baseJerusalem, bekunye neenkokheli zabo, babengamazi, bengawaqondi namazwi abashumayeli bamandulo afundwayo ngayo yonke iMihla yokuPhumla. Kodwa bâwazalisekisa amazwi abo bashumayeli ngokumgweba uYesu.

28. Nangona babengasifumani isizathu sokuba agwetyelwe ukufa, bacela uPilato ukuba ambulale.

29. Emveni kokuzenza zonke izinto ezithethwa *ziziBhalo ngaye, bamothula emnqamlezweni, bamngcwaba.

30. Kodwa uThixo yena wamvusa ekufeni,

31. waza kwithuba leentsuku ezininzi wabonwa ngâbo wayejikeleza nabo ukusuka eGalili baye eJerusalem. Ngoku bangamangqina akhe kumaSirayeli.

32. Thina silapha nje, sizise iindaba ezimnandi kuni. Loo nto uThixo wayithembisa ookhokho bethu,

33. uyenzele thina bayinzala yabo, ngokumvusa uYesu. Kunjengoko kubhaliweyo eNdumisweni yesibini, kwathiwa:“ ‘Ungunyana wam wena;namhlanje ndikuzele.’

34. “UThixo wamvusa ekufeni. Ke ngoko akasayi kuze abole. Le nto uyithethe ngala mazwi athi:“ ‘Ndiya kuninika iintsikelelo ezizodwa eziqinisekileyo,endazithembisa uDavide.’

35. “Kwakhona uthi kwenye indawo:“ ‘Akuyi kusiyeka isicaka sakho esithembekileyo sibole.’

Umsebenzi Wabathunywa 13