Umsebenzi Wabathunywa 12:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngeli thuba naye ukumkani uHerode wabatshutshisa abathile balo ibandla.

2. Wambulala ngekrele uYakobi umntakwabo-Yohane.

3. Uthe akuqonda ukuba esi senzo siwakholisile amaJuda, waqhubela phambili ngokuvalela uPetros. Le nto yenzeka ngexesha *leSidlo seZonka ezingenaGwele.

4. Akuba ebanjiwe uPetros, wavalelwa entolongweni. Wanikelwa ukuba alindwe ngamajoni angamaqela amane angamane. UHerode wayezimisele ukumsa ematyaleni emva *kwePasika.

5. Waza ke uPetros wagcinwa entolongweni apho, kodwa amaKrestu wona azingisa ukumthandazela kuThixo, lo gama avalelweyo.

6. Ke kaloku uPetros wayelele phakathi kwabalindi ababini, ebotshelelwe kubo ngamatyathanga, kukho nabagadi abalinde isango lentolongo, ngobusuku obuphambi komhla awayeza kusiwa ngawo ematyaleni nguHerode.

7. Ngebhaqo kwabonakala isithunywa seNkosi simi bhuxe apho egumbini lentolongo, kwatsho kwasemini kukukhanya. Samshukumisa uPetros, samvusa sisithi: “Khawuleza, vuka!” Ukubanje sitsho, athi xibilili amatyathanga ezandleni.

8. Saqhuba sathi: “Bhinqa, unxibe iimbadada zakho.” Wenjenjalo ke uPetros, saza saphinda isithunywa eso sathi: “Yambatha, undilandele.”

9. Wasilandela ke uPetros, baphuma entolongweni. Wayengekaqondi ukuba iyinene le nto yenziwa sisithunywa seNkosi; wayeba uyaphupha.

10. Babagqitha abalindi bokuqala nabesibini, baza ekugqibeleni bafika kwisango lentsimbi elivulela edolophini. Lavuleka ngokwalo isango, baphuma ke. Bathi besehla ngesitalato sesuka see shwaka isithunywa eso.

Umsebenzi Wabathunywa 12